Izolo Lam

Ndonakele ndaphukile ndilimele
Ak'kho nokuzimela
Kodwa ngeke ndilitshintshe izolo lam
Nawe awungeke
Ngezijwili nemizamo nemigudu namavela tshona
Andikwazi ukulitshintsha izolo lam
Nawe awungeke

Ndaginxa izatsala njala
Izinvununu mna ndazitsho
Kodwa bhunxe izolo lam
Laxel' ikhwekhwe lexhwili

Ngeke litshintshe izolo lam
Bothetha abantu litshon' ilanga
Ngeke litshintshe izolo lam
Velu xole nje mphefumlo wam
Ngeke litshintshe izolo lam
Mandamkele noba kubuhlungu
Ngeke litshintshe izolo lakho
Ewe impazamo ndizenzile

Hlisa umoya thoba iphika
Yeka ixhala ubomi bufushane
Andingeze ndilitshintshe izolo lam
Nawe awungeke
Mandifeze izithembiso o
Namaphupho ubomi buyaqhubeka
Andikwazi ukulitshintshe izolo lam
Nawe awungeke ngelakho

Ndaginxa izatsala njala
Izinvununu mna ndazitsho
Kodwa bhunxe izolo lam
Laxel' ikhwekhwe lexhwili

Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Bothetha abantu litshon' ilanga
Ngeke litshintshe izolo lam
Velu xole nje mphefumlo wam
Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Mandamkele noba kubuhlungu
Ngeke litshintshe izolo lakho
Ewe impazamo ndizenzile

Zininzi zona izibhotsha
Ezomana zikukhumbuza emva
Kodwa wena kanye ngelo xesha
Vala umlomo ujonge phambili

Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Bothetha abantu litshon' ilanga
Ngeke litshintshe izolo lam
Velu xole nje mphefumlo wam
Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Mandamkele noba kubuhlungu
Ngeke litshintshe izolo lakho
Ewe impazamo ndizenzile

Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Angeke ho angeke
Ngeke litshintshe izolo lam
Aha aha ah mphefumlo wam
Ngeke litshintshe izolo lam (loshon' ilanga)
Mandamkele noba kubuhlungu
Ngeke litshintshe izolo lakho
Sizenzile

Nana nana nana nana

Músicas más populares de Ntando

Otros artistas de Reggae music